‘OoMy Friend mabahambe, babuye ngo2030’

INDIBANISELA yabahlali, eqamele ngombandela wokusiwa kweenkonzo eluntwini, iForum 4 Service Delivery (F4SD) ithi abantu bangaphandle, abadume ngegama elithi My Friend, mabakhwelele kweli babuye ngo2030 xa sele kulungiswe umbandela wokuhlala kwabo kweli lizwe.

Lo mbutho, noziqaqambise kakhulu kunyulo loomasipala luka2016 eMntla Ntshona, ubuseMpuma Koloni kule veki ukugaya inkxaso. Kwiveki ezayo uza kube uphakathi kwamaqela angenela unyulo.

UMongameli weF4SD uMbahare Kekana uthi entloko kumqulu wezithembiso kukuba kulungiswe indlela abangena ngayo kweli lizwe abantu bangaphandle.

“Eyona nto iphezulu kumqulu wethu wezithembiso kukulawula indlela abangena ngayo kweli lizwe abantu bangaphandle, kuba siqaphele ukuba imibutho yezopolitiko emininzi ayifuni ukuthetha ngalo mba.

“Abantu bangaphandle abanantlonipho ngeli lethu, benza unothanda. Thina siyiF4SD sithi mabahambe isithuba esingangeminyaka elishumi, ukuze babuye ngonyaka ka2030. Ukwenza njalo bakube basinika ithuba lokulungisa iinkqubo zethu zokwamkela ukungena kwabo kweli lizwe,” utshilo uKekana.

UKekana uthi eMzantsi Afrika nguvulazibhuqe, apho wonke umntu wangaphandle ofuna ukungena kweli lizwe ekwenza oko ngaphandle kokugunyaziswa.

“Xa uya kwelinye ilizwe, umzekelo iMelika, uqala ngokufaka isicelo ze emva koko ulindele impendulo. Kodwa bona bafaka isicelo sele belapha, bambi bangenzi kwalo nto bahlale nje kuphela,” utsho uKekana.

UKekana ukwabalule abantu abatsha esithi baza kuba nengqwalasela kumbutho wabo, esithi baza kwenzelwa isebe labo lokujongana ncakasana nemiba yabo.

Kumba wezemfundo uKekana, uthi bafuna inkqubo eza kugxila kwizakhono futhi inikwe ingqwalasela kwabo basileleyo ekuphumeleleni ibakala leshumi elinesibini (Grade 12).

UKekana ukwathe phantsi kombutho wabo iyunifomu yabafundi iza kufumaneka simahla esikolweni. “Siza kuthatha la mali ithengela amabanjwa iimpahla, sithengele abafundi iyunifomu. Amabanjwa mabathengelwe zizihlobo zabo iyunifomu hayi urhulumente,” utshilo uKekana.

Lo mbutho uthi ufuna ukuphumelela iMpuma Koloni kwanoMntla Ntshona, ze ube namalungu athe xhaxhe kwiPalamente yeSizwe.