Molweni kwi-I’solezwe, singoonogada abasebenza ngaphandle kweMonti kwezi ndawo zilandelayo: eMdantsane, Qonce, Peddie, Mthatha, Komani kunye neRhini sibhatalwa imali encinci.
Sicela abasemagunyeni khe basilungiselele kuba kwakuvunyelenwe ngabaqeshi nabasebenzi kunye nemibutho yabasebenzi ukuba sizakubhatalwa ngeRate yaseMonti, yona iMonti ibhatalwe ngeRate yaseKapa, Bhayi, Rhawutini njalo-njalo. Lo nto ke yenzeke konoogada base Monti kuphela.
Umvuzo wethu mncinci kakhulu kodwa senza umsebenzi omnye. Sicela urhulumente angenelele kule meko siyaphela singonoogada.
– Unogada, eFort Jackson
THUMELA EYAKHO INCWADI EYA KUMHLELI KU:
063 743 9538
ngeSMS okanye ngoWhatsapp
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile