Oosopolitiki basithengisile isizwe

Mhlawumbi uninzi lwabantu abahluthayo nabakwizikhundla eziphezulu kwezopolitiko bayakukhubeka sesi sihloko singentla.

Kodwa ke bona abasalambayo kumashumi amabini anesine eminyaka emva kwenkululeko, baya kubaza iindlebe baphulaphule, kuba sebelahlekelwe yinkululeko kakade, ayikho enye into ke ngoko engaphezu kwenkululeko enokubalahlekela.

Abo bakhubekayo baya kwenza kakuhle ukuba banokuthi ekukhubekeni kwabo, baphendule imibuzo esoloko isezintliziyweni zabo bangakhange bayifumane inkululeko, sithetha ngemizi apho ikati seyide yazalela eziko kwiminyaka kwafika “inkululeko”, kuba le ntshayelelo yam ndiza kuyiqala ngemibuzo.

1. Kwenzeke njani ukuba kuthi kwiminyaka engama-24 safumana inkululeko, kodwa yona indlala iye ikhula ide igqube kwisizwe sethu ngaphezu kwexesha leempimpi zooMatanzima namabhulu? Kule mihla yorhulumente wethu wenkululeko, abahluthayo bahlutha kakhulu, nabalambayo balamba kakhulu. Ngoba? Phakathi kwabahluthayo kukho abantu bamanye amazwe. Ngoba?

2. Kwenzeke njani ukuba iinkonzo eziya ebantwini njengamanzi nelindle zisilele ngokokude abantu bangakwazi ukunyamezela, koko basuke baqhankqalaze? Bakhona abaza kuthi bambalwa abaqhankqalazela iinkonzo yaye ngexesha lamabhulu ayengekho amanzi acocekileyo, ii’toilet’ zamanzi nombane.

Eyam impendulo ithi, akukho nto idlula isisu kuba besiwasela amanzi nokuba anonojubalala amdaka, besisomba imingxuma zelindle, besiwalayita amakhandlela sifunde ngawo, kodwa oorhulumente beempimpi bebesilwa bevuka bezama ukutyisa abantu, kuba kaloku bebehlaselwa kusithiwa bakhuthaza intlalo yobukhoboka.

Kwizinto zonke onombulala ngazo umntu, isisu yinto yokugqibela. Kungeso sizathu kunemfumba yabantu kule mihla abathi, “Ukuba sasazile, kwakubhetele kwaseYiphutha”. Impimpi uSebe yada yaduma ngesaci esithi, “A meal a day”. Kurhulumente wenkululeko ngaphezu kwe 36% yabantu neentsapho zabo eMzantsi Afrika balala “without a meal a day.” Xa kuthelekiswa nendlala ye’democracy’, kwakuhluthwa ziimpimpi.

3. Nangaphandle kwale 36% yabantu engaphangeliyo, kukho enye intlaninge yabantu abathi xa beqeshwa kuburhulumente kukhunyushwe kuthiwe “short term contract”.

Ngumnta kabani onokuziphuhlisa aphumelele kwiminyaka emithathu nemihlanu? Apha ndibuza ngezinto ezazinqabe kakhulu ukuba zazikhona. Ngexesha leempimpi umntu oqeshwa ngakumbi eburhulumenteni ebesohlukana nomsebenzi ngokugeza, ukufa nokupenshina. Yona “ishort term contract” ibine nto enokwenza nesivumelwano ikakhulu phakathi kwekontraka ezimeleyo norhulumente qha.

Umzekelo, ngexesha urhulumente eqala ukusebenzisa iikompyuta kuburhulumente, bekusayinwa “iishort term contracts” neenkampani ebeziza kufundisa amagosa oburhulumente.

Kanti ke nalapho, bekusithi ukuba inkampani ethile iyacotha ilungiselela ukutya ixesha lekontraka, igxothwe kukhangelwe enye.Wona amadelakufa la zizinto ebebezifunda phi ezi basiphathela zona, ingaba bebezifunda elubhacweni?

4. EMzantsi Afrika siphantse sibenazo zonke iintlobo zezimbiwa, wena golide, wena platinum njl. Siphinde kwathina sifuye sibenawo namahlathi, ngaphandle kwendlala le egqubayo, besifanele ukuba silelona lizwe lihluthayo eAfrika. Kutheni ke ngoko eMzantsi Afrika singakwazi ukuzenzela izinto zoshishino (industrialization) esizisebenzisayo.Yintoni le ayesenzele yona amaTshayina nezinye iintlanga le nto yonke into soloko ithengwa kuwo inombhalo othi “Made in China”?. Ndinixelela ukunganixokisi, ngexesha likaMatanzima noSebe zazikhona iifektri ezazikhiqiza iimpahla ezisemgangathweni phantsi kweliso lamaTaiwan awagxothwa yiANC.

Namhlanje ezo fektri ngamabhodlo eTranskei naseCiskei nakwamanye amaphandle eempimpi. OoHlohlesakhe soloko begaya iivoti ngokuthi baza kuvuselela iifektri nee “Irrigation Scheme”, iyaphela iminyaka engama24 ngoApreli, into enwenwayo ngamashishini, ziivenkile nezirhoxo zabantu bangaphandle (foreigners).

5. Okokugqibela nokona kubalulekileyo, leliphi ilizwe apha emhlabeni, elithi emva kokuphalala kwegazi lamadelakufa kusilwelwa inkululeko, lithi kanye ngexesha lenkululeko linikezele uqoqosho (economy) lwelizwe kwiimbacu zamanye amazwe (foreigners), logama zona iinkokheli zihleli ebhotolweni nabacinezeli belixa langaphambili (colonialists) kusityiwa ubutyebi besizwe?

Ingaba iyanothusa na imeko yokubona amadoda nabafana begcwalise izitalato befolele imisebenzi engasoze ibekho kuba imali isezipokotweni zeengqondi? Nina bavoti niza kubizwa ngexesha levoti ninikwe “iifood parcels” ezingumxhesho.

Ndiza kubanaso isiqendu ngomxhesho ndicacisele isizwe ukuthi lo mxhesho nenkamnkam (pensions and grants) aqhayisa ngazo uRamaphosa ngumvungulo wokusigcina siphefumla khona ukuze siphinde sivote kwelandelayo ivoti.

Injalo nje musani ukuqhatheka, asingobantu abazizigidi ezingama17 abatya umxhesho kweli lizwe.Wena ungaphindaphinda elo nani kathathu kuba kukho amakhaya axhomekeka kulo mxhesho kuba, nangaphandle kwemisebenzi, imali yabantu nemisebenzi ayikho eMzantsi Afrika.

Konke oku ndiza kukucacisa xa ndibhala isiqendu somxhesho. Uyabona ke mfundi, ukuba ufuna ukusazi esona sizathu esibangele ukuthi ndibhale le ncwadi, kukufumanisa ukuthi kanti thina sizwe saseMzantsi Afrika s-a-athengiswa kudala ngabezopolitiko logama zona iinkokheli zihleli ebhotolweni nabo babesicinezela.

Ewe ibuhlungu yaye siyothusa eso sityhilelo, kodwa ndinganiqinisekisa ukuba eli nqaku ndiza kulibhala ngesiXhosa ukwenzela ukuthi nina bantwana nicacisele abazali benu ngokuqhubekayo, kuba lifikile ixesha lokuba kuthethwe iinyaniso zodwa ngemeko yelizwe lethu. Sasiphethwe ziimpimpi namabhulu kodwa azange kubenesimbonono nentlupheko efana nale kwisizwe siphela, intlungu yethu yayiyingcinezelo yezopolitiko, namhlanje sicinezelwa eziswini ngoqoqosho (economically). Impimpi uSebe yabagcina abantu nge “meal a day”, yena uMatanzima esithi, “Thabatha okunikwayo ukusebenzisele ukuzuza okufunayo”. Ngoku asinikwa kwanto kuba imali isezipokotweni zooHlohlesakhe abahlaba umkhosi bathi “VIVA!!” xa kusondele ixesha levoti.

Nangoku ke ,uMadiba wathabatha akunikwayo batsho bafunda abantwana baseTranskei. Unangoku ke, abantwana baseTranskei basayibambile imfundo abashiywa nayo ngabazali.

Benisazi na phofu ukuba abona gqirha bahlonitshwayo apha eMzantsi Afrika ngabo bafunde eUnitra eguqulwe yabizwa WSU?

Xa nicinga ke nina bantu bakuthi, ingaba niyakhumbula na ukuba ngexesha lengcinezelo amabhulu ayephethe amashishini asezidolophini, bona abantu abamnyama benyanzelwa ukuba bashishine ezilokishini kuphela?

Ke ngoku kwenzeke njani ukuba kuthi xa sikhululwa, urhulumente ophetheyo avulele amaTshayina, amaPakistan nama-Indiya kurhwebo ezazulwini zezixeko zethu (CBDs)?

Aphinde asicinezele ngaphezulu kwiilokishi neelali zethu ngokulungiselela amaSomali, amaBangladesh nezinye iintlanga ezilalini nasezilokishini. Kwakutheni ze bangasicingeli thina bavoti ngexesha leengxoxo ezaziqhubeka phambi kwenkululeko ngakumbi kuCODESA I no II? Ngubani owayefanele ukunika abantu imali yokushishina ngezirhoxo neevenkile ezilalini nasezidolophini elizweni labo?

Andithethi ngobubhanxa obulibazisayo beeSEDA (Small Enterprise Development Agency) eyinkqatho yokuqaba ibhotolo emehlweni ngokunga kukho into eyenziwayo. KulooSEDA yabo kwawena kuthiwa jikeleza ufuna “ibusiness plan” lo gama abahlobo babo bama’grigamba’ (foreigners) bevela bafike bavule isirhoxo elalini naselokishini.

Iseyintshayelelo le, ndiza kuthetha ndophele ngale ntlungu ndakufika kwisiqendu sabahlobo bakarhulumente, ama’grigamba’(foreigners). Ungafunga uthi abona bantu bavotela ezi nkokheli zethu ngaba bantu bavela kwamanye amazwe.

Zikhona ke iingcaphephe neeprofesa eziye zachaza mayela nokuye kwaqhubeka ikakhulu ngamaxesha andulela inkululeko nangeengxoxo zalo maxesha.

Ndingamqinisekisa nabani na ofunda le ncwadi ukuba ndilwenzile ngokwaneleyo uphando, andizukuthetha izinto eziphuma emqaleni wam, kodwa sona isizwe sithengisiwe ngoosopolitiki.

Le ncwadi andiyibhaleli ukufumana imali ndityebe, ukuba ibikhona indlela yokuba ndihlawulwe iindleko zokuyibhala nokuyisasaza, bendiya kwanela nokuba mna andifumani nesenti.

Abantu abaninzi, ngakumbi abantu abamnyama, abafikeleli kulwazi oluninzi ngelizwe labo kuba abakuthandi ukufunda iincwadi, izifundiswa ziyakwazi ukugqiba ngekamva lesizwe abantu bengaqondi.

Kodwa ke xa ndithetha inyani, umntu olambileyo akanalo ixesha lokuhamba ekhangela okuqulathwe ziincwadi ngobomi bakhe, ngakumbi xa eyithembile inkokheli yakhe nezithembiso zayo.

Kodwa ke ubaw’uPakade ophicotha afunde iincwadi kwiLukhanji Radio akavumelani nalo ngcinga yam, uthi baninzi abantu abamnyama abazifundayo iincwadi. Ndingavuya kakhulu ukuba kunokwenzeka ukuthi ndibe ndiyaphazama.

*Le yintshayelelo yencwadi entsha ezayo enguBahlutha ke Bona