Sizicimela imbali yethu ngokwethu

Xa umntwana ekubuza wena mzali ukuba yintoni usuku lwamaLungelo oLuntu? Usuku olu lubhiyozelwa (andithi asenzi sikhumbuzo) ngomhla we-21 kweyoKwindla uye uthini?

Uye umxelele ngenyhikityha yokubulawa kwabantu abangama-69 ngamapolisa ocalucalulo eSharpeville? Uyambalisela ngeziganeko zakwaLanga? Ingaba igama likaRobert Mangaliso Sobukwe lona uyamchubela ngalo? Uyangena koweepasi umxholo?

Okanye usuke uthi kuye lusuku lokuqaphela amalungelo oluntu? ‘Sonke siyalingana, mntanam!’

Kusekho abantu ababhuqwa yindlala nentswela-ngqesho, kusekho abantu basetyhini ababulawelwa ubugqwirha, kusekho abantu abantsundu abavinjwa amathuba ngokwebala, kusekho ingcinezelo yeelwimi zethu zesiNtu, kusekho zonke ezi zinto sisithatha phi isibindi sokuthetha inyala lokuba sinamalungelo alinganayo kweli loMzantsi Afrika?

Sibhala nje kukho ushicilelo olujikeleza kumnatha wonxibelelwano nalapho indoda yomlungu igrogrise umfazi omnyama kwindawo yokutya eyaziwa njengoSpur; ifuna ukumkrwitsha, igibisela itafile yakhe kuye ehleli nabantwana.

Kubekho nenkulumbuso yaseNtshona Koloni ethe ubukoloniyali babunezinto ezilungileyo. Unyanisile, sikwazi ukubhala isiXhosa namhlanje kungenxa yoonyawontle bobukoloniyali kodwa indlela ayibeke ngayo kuTwitter idale ingxwabangxwaba yokuba ubabaza ubukoloniyali.

Kubekho nooPenny Sparrow nabanye abelungu abamane besithi gqi kumnatha wonxibelelwano bethuka abantsundu. Nasezilalini, nakwiifama abantu bakuthi baphila ubomi bentshontsho, bamoyika ukufa umlungu kunanamhlanje pha.

Kutheni, nangona sisithi sikhululekile, singaboni utshintsho kwilizwe lethu?

Kungenxa yokuba singamaxoki asoloko ezama ukulungiselela abo babesakuba ngabacinezeli bethu. Makhe siqale ngokunyaniseka ngembali yethu; akukho nto ilusuku lwamaLungelo oLuntu apha, lusuku lwembubhiso yabantsundu.

Naxa kusiza * “June 16”; ayilosuku lolutsha oluya, lusuku lwembubhiso. Napha kweyoMsintsi; akukho suku lwamgugu namafa apha, lusuku lokukhumbula uShaka. Njalo njalo. Sizitshintshela ntoni, okanye bani, ezi ziganeko kwimbali yethu? Ukuzilahlekisa?