UAzzy ubona umculo njengotshintsha ubomi

Imvumi yomculo weRap uAzola Azzy Matayitayi

IPHUPHA likaAzzy kukutshintsha ubomi boluntu ngomculo wakhe nanjengoko ekholelwa ukuba umculo unamandla wokugqithisa umyalezo.

UAzzy, ogama lokuzalwa inguAzola Matayitayi, yimvumi yomculo weHip-Hop.

Ukukhulela kusapho oluthanda umculo eMdantsane, nalapho azalelwe khona, kudlale indima enkulu ekubeni uAzzy azibone naye elandela eli khondo.

“Iphupha lam kukutshintsha impilo yabantu ngomculo kuba ndiyalibona igalelo onalo eluntwini,” uAzzy encokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Ngoku ndizama ukukhupha oko kungcono ngaphakathi kum ukuze abantu bafumane okungcono.

Andifuni nto ingako, ndifuna nje ukumanyelwa, andifuni kuba yindumasi. Uye umanyelwe emva kokuba uboniwe,” kutsho uAzzy.

UAzzy uqale ukubhala umculo ngo2007 kodwa waqala ukushicilela nokutsholoza eqongeni ngo2010.

Ingoma awaduma ngayo ithi “Ixesha” nayenze noBlaksuga. Ukanti kutshanje usandul’ ukukhupha ukracaza wengoma ethi “Sacrifices” eye yadlalwa kakhulu koonomathotholo.

“Ixesha yingoma endayenza emva kokuphumelela ukhuphiswano lwe-5fm.

Le ngoma ithi yonke into inexesha layo. Umntu kufanele enze kangangoko anako, okukufaneleyo kuza kuza kuwe ngexesha elifanelekileyo,” kubalisa uAzzy.

“Iyomeleza kuba kwiindawo esikhulela kuzo kunzima ukomelezwa, ukusuka apho uye udibane nabantu abakukhombisa iimpazamo zakho.

UAzzy uthi yona ingoma ethi “Sacrifices” ihamba nomyalezo onzulu. Uthi ibalisa ngokushiywa kwakhe yinqwelontaka eyayiza kufezekisa amaphupha akhe.

Uthi wayesendleleni eya kukhuphiswano lweVodacom Nxt Lvl apho weyekwiTop 20 .

“Ndandiza kusiwa kwiTop 5 kodwa yandishiya inqwelontaka. Kodwa ke andinakuvumela lo nto indophule umoya. Yonke into inesizathu sayo,” kutsho uAzzy.

Kungoku nje uAzzy umatasatasa neprojekthi yakhe elandelayo athi iza kuphuma kungekudala.

Iingoma zakhe zifumaneka kwiivenkile zonxibelelwano lomnatha.

Ungancokola naye kumakhasi onxibelelwano ku @Azzy_EC.