Ubunini bezindlu eBhayi

Umasipala ombaxa weNelson Mandela Bay ngale ntsasa kulindeleke ukuba anikeze ngobunini begunya lezindlu (title deed) kubantu abangapha kwamakhulu amane (400) namhlanje.

Othethela lo masipala uMthubanzi Mniki uthe, la mabango azakube enikezwa ngusodolophu walo masipala uDanny Jordaan. Injongo kukubuyisela isidima kuluntu lweli ingakumbi olo lungathathi ntweni njengoko lo masipala usithi ufezekisa izithembiso owawuzenzile kuluntu lawo.

Oku ikwakukuzisa nempilo engcono. Aba bantu bazakuthi baxhamle namhlanje abazakwakhelwa izindlu ngummandla waseWalmer.

Kuzakuqalwa ngentsimbi yeshumi kusasa nje kumabala ezemidlalo esikolo iGqeberha.

Lo masipala uthe gqolo ukunikeza ngezindlu kuluntu kutsha nje, umphathiswa wezindlu kuzwelonke uLindiwe Sisulu ubesandakutyelela kula mmandla uyonikeza ngokusesikweni izindlu kummandla wala masipala.

Kanti kule iveki uJordaan ebetyelele neelokishi zase- Bhayi apho bekuyokujongwa inkqubela ngolwakhiwo lwezindlu.

Ezo lokishi kuquka iMotherwell NU29, Joe Slovo West, Soweto on Sea, Missionvalle, Joe Slovo eTinarha kwakunye naseWalmer Q.

abongile.ginya@inl.co.za