UCoylematic uzibona ekumaqonga amakhulu weRap

Lwandiso Coylematic Fuzile

ULWANDISO Fuzile wakuGatyana, nozibiza uCoylematic, uyimvumi yeRap eyaziwa ngengoma ethi ‘Stop Judgin, ‘ ngoku ubuya ephethe ingoma entsha kraca.

UCoylematic uqale ukucula ngonyaka ka2011 ngethuba egaleleka eRhawutini evela ekhaya eMpuma Koloni. Akube ecule okokuqala eBotswana ngo2012 ngosuku lweWorld Aids Day, esabelana ngeqonga noSedibe Sangwao, zange aphinde abuye ajonge emva.

Encokolela I’solezwe ngengoma yakhe ethi ‘Stop Judgin’ uCoylematic uthe: “Abantu babengakholelwa kwiphupha lam ngethuba ndikhula, babehlala bendigxeka, kungoko ndiqonde ukuba mandikhuphe le ngoma.” Namhlanje, uCoylematic ukhupha ingoma entsha ethi ‘Spaza God’.

Le ngoma ilandela ezinye iingoma asele ezikhuphile ezifana nengoma yakhe yokuqala ethi, ISpaza s’lapha nenye ethi ‘If I die’. UCoylematic wabelane ngeqonga neemvumi ezidumileyo kweli ezifana noKwesta, Spikiri, Mshoza, DJ Shimza noDr Malinga. “Kulapho ndaziva ndikhulile kwaye ndiyinkwenkwezi eqaqambileyo phakathi kwezinye,” ubalisa egcwele uncumo.

Iingoma zakhe sele zidlalwe kwizikhululo eziliqela eMzantsi Afrika kwaye kwezinye zazo bezihlala kumanqwanqwa aphezulu.

Uthi ebesoloko ephupha eyimvumi. “Ndazalelwa ukucula. Ndikhumbula ndibhala ingoma okokuqala ndineminyaka eli-13 kuphela, ndaze ndacula okokuqala kukhuphiswano lukaMiss Freshers ndisenza uGrade 11.”

Le mvumi, esele izinze ePitoli, ithi ingumlandeli omkhulu weemvumi ezifana noEminem, HHP noPro, kwaye ebalula uZakwe, uHHP noKhuli Chana njenganokuthanda ukusebenza nabo.

UCoylematic uthi angathanda umculo wakhe ubenomyalezo awushiyayo. “Umculo wam ndiwenzela iindlebe ezohlukeneyo, kwaye kunjalonje ndiye ndibhale kakhulu ngezinto ezindehlelayo.” Ungasenga umculo wakhe ngokuchwetheza uthi: soundcloud.com/ coylematic spaza-man. KwiFacebook: Lwandiso Coylematic Spaza-man Twitter/IG: Coyle_Spazaman,