UDavies utyelele amaziko ophuhliso eMonti

Umphathiswa wezorhwebo noshishino uGqirha Rob Davies noSduduzo Myeni weECAVC UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMphathiswa wesebe lezorhwebo nezoshishino uGqirha Rob Davies, uthi kubalulekile okokuba isebe lakhe lithi gqolo ukutyelela iinkampani namaqumrhu eliwaxhasayo ngeenjongo zokufumana umqela owenziwe yinkxaso-mali yabo.

UDavies ukuthethe oku eMonti kule veki, apho athe watyelela iziko loshicilelo lephondo iEastern Cape Audio Visual Centre (ECAVC) kwaneBudget Office Furniture.

IBudget Office Furniture yenza ifenitshala yezikolo kwaye ilawulwa, ubukhulu becala, ngabantu abamnyama logama iECAVC yasekwa ukuncedisa iimvumi zephondo ngokushicilela amacwecwe futhi iphinde incedise ezi mvumi ngokuthengisa umculo wazo.

Ingqonyela yakwaBudget Office Furniture uCobus Coetzee, uthi inkxaso-mali engange-R2.5 yezigidi abayifumene kwisebe likaDavies, incede ukuba inkampani yabo izinze, esithi bakwazile ukudala amathuba engqesho kubantu abalikhulu.

Umnxulumanisi weemvumi kwiECAVC uSduduzo Myeni, uthi inkxaso-mali abayifumene kwisebe lezorhwebo noshishino isetyenziswe ukuphucula eli ziko kwanokwakhiwa kwee-ofisi namaholo (auditoriums) aseECAVC.

“Sineziko loshicilelo elikwaziyo ukujongana neMpuma Koloni iphela. Eyona njongo yethu kukuvumbulula izakhono zeemvumi zeli phondo ukuze sizishicilele emva koko sizithengise,” kutsho uMyeni.