UKhanya Mkangisa ukunomathotholo!

Khanya Mkangisa Umfanekiso: Twitter

OWAQAL’esemncinane  kwiYO-TV  uKhanya Mkangisa, wongeza unomathotholo kwiCV yakhe.

UMkangisa, uzibandakanye nosapho lwe-YFM. 
Le ntandane kamabonakude kuthiwa izakusasaza noDJ Large rhoqo ngeempelaveki phakathi ko-12 no-15:00 – ukuqala namhlanje.
“Siyandichulumancisa esi sahluko sobomi bam. Kudala ndinomdla wokungena kusasazo lukanomathotholo, kwaye iYFM yeyona ndawo iyiyo yokuba ndifunde.
Ndamkelwe ngobubele sesi sistishi, kwaye ngoku ndijonge phambili ukufunda ndize ndigqwese kuwo onke amaqonga osasazo, ” kutsho uKhanya kwingxelo ekhutshiweyo.
Eli gqiyazana leMpuma Koloni ngumsasazi kamabonakude nomlingisi kwimidlalo kamabonakude.
Sithi ntinga ntaka ndini!