UMafa woMhlobo Wenene uveza izivubeko zakhe kwincwadi yakhe

UMAFA Bavuma ugcina izigidigidi zabaphulaphuli boMhlobo Wenene FM bonwabile rhoqo ngeentsasa kunomathotholo, kodwa abangakwaziyo kokokuba ngaphaya kwentsini aziwa ngayo wonese izivubeko zobomi.

Ukusuka kwiinduma zorhulumente wengcinezelo, ukuxhatshazwa ngokwesondo, ukuqubisana kosapho lwakhe nentsholongwane kagawulayo kwanentlungu yokubhujelwa phakathi kwezinye izinto.

UBavuma, 36, ukhupha onke amahla ndenyuka obomi bakhe kwincwadi yakhe ephume ebutsheni balo nyaka ethi ‘Born For This.’

Lo msasazi, onkaba iseAlicedale, kule ncwadi, ubalisa ngesilonda esingapholiyo sokushiywa ngumntakwabo uMakhaya.

Uthi rhoqo xa kufika usuku lokuqaphela iholide yabasebenzi [May Day] kuvele kuthunakale isilonda.

“Xa kufika olu suku, mna nosapho lwam siye sicinge ngosuku lokulahlekelwa ngomnye wethu.”

UBavuma ubalisa athi kwanyanzeleka ajamelane nengomso ngaphandle komkhuluwa wakhe, owayehlala emlwela xa entlontwa ngoontanga bakhe.

“Nangona kugqithe iminyaka emininzi engasekho ubhuti wam, kodwa inxeba lokushiywa nguye liselitsha kunangoku.

Ukugula kukaMakhaya nokusweleka kwakhe kweza ngophanyazo, kwaze kwasishiya sididekile kwaye sothukile,” kubalisa uBavuma kule ncwadi yakhe.

Uthi kwaye kwanyanzeleka angene ezihlangwini zomntakwabo, athabathe uxanduva lokuba ngutata kumntwana wakhe, nanjengoko wayengasenaye nomama.

UMafa, oligqibelo kokwabo, ukwabalisa nangenxeba lokushiywa ngumama wakhe uMaGaba ngelixa besazikhoth’ inxeba lokushiywa nguMakhaya.

Uthi kwakungelula ukubona isikhukukazi sosapho, umama womthandazo nomshumayelikazi impilo inkenenkene.

UMaGaba wayesilwa nesifo seswekile esamshiya enqunyulwe umlenze.

UBavuma ubalisa athi, noxa nje uMaGaba wayegula, kodwa kwabanzima kuye ukwamkela iindaba zokudlula kwakhe emhlabeni.

“Ndabandindisholo. Ndawunikezela enkosikazini yam umnxeba, ndaphuma ndaya phandle, ndafika ndahlala phantsi, ndalila ngamandla.

“Ukusweleka kukamama kwafika sisandul’ ukushiywa nguMakhaya, kwakunzima kum, nanjengoko ndandishiywe ngabantu abebelithemba kum. Ngoku kwakufuneka ndijamelene nobom ngaphandle kwabo,” kubalisa uBavuma.

Kwakule ncwadi, uBavuma ubalisa nangendlela belusapho abamelana ngayo neendaba zokufumanisa ukuba udade wabo uphila nentsholongwane kagawulayo

Le ncwadi yenza lowo uyifundayo athi nanjengokuba elila nje ngenxa yamabali abuhlungu abaliswa kuyo, azibhaqe esosula iinyembezi ehleka ngenxa yamanye amnandi.

IBorn For This kulindeleke ibaliswe eqongeni njengomdlalo weqonga eOpera House eBhayi ngomhla wokuqala kweyeNkanga 2018.

UMafa usasaza iBEE noPastor Nozewu noMluleki Ntsabo kuMhlobo Wenene FM rhoqo phakathi evekini ngo6:30 ukuya kwintsimbi yesithoba kusasa.