Umasipala waseNelson Mandela ufundise abantwana ngokonga amanzi

Usodolophu waseNelsonMandela uAthol Trollip nabantwana bezikolo kwiWater Awareness Day. .

Uhle wayokuma kumashumi amathathu
eepesenti umthamo wamanzi kwidama iChurchill nangaphantsi kwamashumi amahlanu
kumadama agalela kulo.

Oku kubhengezwe kumsitho wokufundisa
ngamanzi owaziwa ngokuba yiWater Week Awareness Day nobubanjelwe kwiholo
yesixeko saseTinarha izolo. 
Lo msitho ubuzinyaswe nguSodolophu womasipala
waseNelson Mandela uAthol Trollip nabantwana bezikolo zaseDespatch naseTinarha.

Oli gosa loqhagamshelwano kulo masipala
uMthubanzi Mniki, uthe babone kufanelekile ukuba babandakanye izikolo ukuze
baxhobise abafundi ngenjongo zokuba bandakanya kwidabi lolondolozo lwamanzi.

Ethetha kulo msitho, usodolophu walo
masipala uAthol Trollip, urhabulise abafundi esithi amanzi awaqali etephini nasemilanjeni, koko yindalo eza ngemvula ze kwenziwe imigudu exabisa iimali ezinkulu
ngumasipala phambi kokuba aye ezitephini emakhayeni.

uTrollip ukhuthaze abafundi esithi indima
yabo ibabalulekile, esithi mababe yimibhobho yokugqithisa umyalezo ezikolweni
nasemakhaya esithi izikolo yenye yeendawo ezibalwa njengezisebenzisa  kakhulu amanzi.

“Phakathi kwezinye zezinto esizenzayo
ukonga amanzi, masingasebenzisi amanzi ngokubaxa xa sihlamba izandla, iimoto
zethu, singashiyi amanzi ebaleka etephini nakwigumbi langasese. Ezikolweni
umfundi ngamnye uchitha malunga namakhulu amathathu anamashumi asithandathu
anesixhenxe eelitha zamanzi, oko kwenza ngaphezu kwamawaka amahlanu eekhilolitha zamanzi ngenyanga, ” uthethe watsho okaTrollip.

Ongumfundi 
kwisikolo iNomathamsanqa, uMasibulele Diko, uthe yonke into ayive kulo
msitho imvule amehlo, esithi kuninzi akufundileyo.

“Le mfundiso ayizi kunceda thina kuphela
apha esikolweni, kodwa nasekongeni amanzi jikelele emakhaya nasekongeni imali
kamasipala.Akukho nto ibaluleke ukudlula amanzi,” utshilo.