Uncedwe ngezixhobo oweshishini lokuthunga

Uthando lokuthunga awayenalo ngethuba esenza amabanga aphantsi zange ohlukane nalo uNomaphelo Njubana noneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala nongumhlali waseMakhamangeni ePort Alfred.

UNomaphelo ungumthungi owaziwayo kule ndawo nanjengoko sekukudala noko elenza eli shishini lokuthunga.Lo kaNjubana ubesethamsanqeni lokuthengelwa amalaphu okuthunga nezinye izinto athi azisebenzise ,zonke ezithengelwa ngumasipala waseNdlambe.

Nalapho avakalise ukuba wonwabe kakhulu kuba izinto azisebenzisayo ziyabiza kwaye le nkxaso ayifumene kulo masipala izokwenza umahluko omkhulu.”Akakho umntu ongayifuniyo inkxaso kwishishini lakhe, nam andohlukanga.” UNomphelo uthungela bonke abantu ukusukela ebantwaneni ukuyotsho ebantwini abadala.

UQawe Mampama kwicandelo lophuhliso loqoqosho kulo masipala uthe, owona msebenzi wabo kukuncedisa nokuphuhlisa uluntu ekuhlaleni ingakumbi olo sele lunezinto oluzenzela zona ukuzikhulisa. “Kubalula nangakumbi ukunceda umntu esele enento azenzela yona kuba sifika sincedise,” kutsho uQawe.

Ekwaveza ukuba balishumi abathungi abathe basiwa kuqeqesho lokuthunga kwaye uNomphelo ubengomnye wabo bantu. Lo kaQawe ukwakhuthaze ulutsha ukuba luzibandakanye nezinto ezizakuthi ziluncede, kwaye zilukhulise nanjengoko luziinkokheli zangomso.

Isithethi salo masipala uKhululekile Mbolekwa uthe ihlala ingumsebenzi wabo ukunceda uluntu, watsho esithi bebengaqali ukunceda nanjengoko besazimisele ukuqhubeka nomsebenzi wabo.