URamaphosa uwonga uSobukhwe

Inkosikazi kaNjingalwazi Robert Mangaliso Sobukhwe, uZondeni Sobukhwe, uphakathi kwabo baza kwamkela eyona mbasa iphezulu kurhulumente weli iOrder of Luthuli eyinikwa ngumongameli uCyril Ramaphosa.

Ingxelo ithi kokokuqala ukuba urhulumente weli anikise ngale mbasa kule nkosikazi yaseAzania. Kukho iingxelo zokuba igama likaZondeni Sobukhwe lityunjwe ngumbutho wolutsha obizwa ngokuba yiBlack House Collective ezinze eMfolo eSoweto.

UThando Sipuye olilungu lalo mbutho uthi akukho nto ivuyisayo ngoku kuba banyanzeleke ukuba balwe ukuze kuphume le mbasa.

“Ayingabo abamcingileyo bebengamazi nokuba ngubani, sithi abathathe uxanduva lokuphakamisa igama lakhe, kuba siqaphele ukuba akahoywa, akanikwa mbeko. Le mbasa ichazwe ukuba ikwinqanaba lesilivere kwiimbasa eziphantsi kweOrder of Luthuli.

“Simnyanzele uRamaphosa, ngokuthi sixoxe ngeyona nto sinokuyenzela uZondeni Sobukhwe, injongo ephambili ikukunika imbeko eli gqalakazi laseAfrika ngomsebenzi eliwenzileyo, uchithe ixesha lakhe neyona ndoda yakhe yachubeka emhlabeni uRobert Sobukhwe,” uthethe watsho uSipuye.

UZondeni Sobukhwe wadibana noRobert Sobukhwe eDikeni ngethuba wayengumfundi wezifundo zobongikazi eLovedale, uSobukhwe efundela ubugqwetha eFort Hare. Bazimanya ngeqhina lomtshato ngo1950.

Ethetha neli phephandaba ekuqaleni kwale nyanga malunga neenkumbulo zakhe ngoRobert Sobukhwe wathi: “Yhoo! ndimkhumbula yonke imihla, wayengumntu owayekwazi ukwenza ukuba umkhumbule nokuba uhambe imizuzwana ecaleni kwakho,” kwatsho uMam’ uZondeni Sobukhwe.

Emtshatweni wabo balizwe ngabantwana abaquka uMiliswa (1954) Dinilesizwe (1956) amawele uDalindyebo ongasekhoyo noDedanizizwe ngo1958.

Umzukulwana kaSobukhwe, uTsepo Sobukhwe, uvakalisa amazwi ovuyo ngokutyunjwa kukamakhulu wakhe.

“Siyavuya kakhulu ngeli nyathelo likarhulumente lokutyumba umakhulu, akwaba urhulumente ebenokuqhubeka eqwalasela indima edlalwe ngamagqala omzabalazo,” uthethe watsho.

Ukwaqinisekisa ukuba nguDinilesizwe Sobukhwe oza kwamkela le mbasa egameni lekhaya lakwaSobukhwe.

Le mbasa yathiywa ngegama likaNkosi Albert Luthuli owayesakuba ngumongameli wombutho weANC.

Imvumi uSipho Hotstix Mabuse uphakathi kwabo baza kufumana le mbasa kulo nyaka kuquka noLillian Dube ongusaziwayo kumdlalo weqonga. UDora Tamana nejaji yodumo uDikgang Moseneke ngabanye kwabo baza kufumana le mbasa.

Ukanti oomongameli bamazwe abo bangaphambili abaquka uKetumile Masire, Sam Nujoma waseNamibia, Joaquim Chisano waseMozambique, nabo baphakathi kwabo baza kufumana kwezi mbasa.