Ushiye umsebenzi wakhe wayokuqala ushishino

UBongani Ketelo weKetelo Project Management Services UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UBONGANI Ketelo uthi amava anawo kwishishini lezokwakha ngawo abangele ukuba ashiye ubumnandi besikhundla esiphezulu kumsebenzi wakhe ayokuqala iKetelo Project Management Services (KPMS).

UKetelo, osebenzele imizi efana noEskom, Independent Development Trust (IDT) kwaneSebe leMisebenzi yoLuntu, unamava weminyaka elishumi elinesithandathu kwishishini lezokwakha.

Kwa-IDT, apho athe wafumana nesiqinisekiso uthi kulapho azibone ukuba ugqibelele kweli shishini nanjengoko ebesingatha iiprojekthi ezinkulu zokwakha.

“Ngokwamava ndikhulile ngoku, yiyo le nto ndibone kufanelekile ukuba ndizimele. Into ebangela ukuba ndizimele kukuqaphela izinto ezininzi ezingahambi kakuhle kulawulo lweeprojekthi lezokwakha,” utshilo.

“Emva kokusebenza ixesha elininzi kurhulumente, kwiikontraka njalo njalo, ndiqaphele izinto ezibangela ukuba iiprojekthi zingaphumeleli, ezinye zingagqitywa, kwezinye kuphele imali phakathi, ezinye uve kusithwa imali ityiwe.

“Ndibone ukuba ukuze ndincedane norhulumente kule micelimngeni mandize nobuchule endinabo nalapho ndizosebenza ndizimele ukuze amava, ubuchule, nokuzinikela endinako ndincede kuphuhliso lwephondo nelizwe,” utshilo uKetelo.

Umsitho wokusungulwa kweKPMS ububanjelwe eEast London Golf Course kwiveki ephelileyo, apho izithethi zidize ukuba lo kaKetelo ungena xa kanye ushishino lokwakha lisekwizandla zabantu abamhlophe, futhi bayakriniza ekwamkeleni iinguqu.

UKetelo uthi kwiKPMS uza kubanamagunya athe xhaxhe okwenza uphando ngeenjongo zokuba nezisombululo kwiingxaki ezambethe ulawulo lweeprojekthi zokwakha.

Isakhono nokuthanda ushishino lezokwakha kulo kaKetelo luqale kanye ngethuba wayesenza iDiploma kwiBuilding Science eBorder Technikon (WSU) apho waphumelela khona ngonyaka ka2002.

Ngonyaka ka2007, uKetelo waphumelela iBTech kwiQuantity Surveying kwiCentral University of Technology ze ngo2013 waphumelela iPostgraduate Diploma kwiProject Management eMANCOSA (Management College of Southern Africa).