Ushiyeke eziseleni obulele umntu ngenxa yebhiya

UXolile Dlabantu (52) ohlabe wabulala uMasixole Sonti (40) ngenxa yethamo lebhiya kwilali yakuKhantolo kuCentane ngempela veki walelwe ibheyile.

Bekusemgidini kule lali ngoMgqibelo ngethuba kuvuka ingxabano phakathi kukaDlabantu noSonti malunga nethamo lebhiya.

UDlabantu ukhuphe imela xa kulelo thuba, wahlaba uSonti othe waleqiselwa esibhedlele saseGcuwa nathe wabhubhela kuso kamva. Umrhanelwa uyakuvela enkundleni ngowama 26 kule.