Uthando lwabantwana nezibalo lumenza akhuthale

Sele eshiyekelwe ziintsuku nje ezimbalwa ahlukane nabantwana bakhe abahlohla izifundo zezibalo uLuthando Bhesi, oqeshwe njengomncedisi kwisikolo awayefunda kuso iNokwazi J.S.S, kwinkqubo yesebe lezeMfundo eqale ngexesha likabhubhane weCovid-19.

UBhesi, 27, nobendanda kumnatha wonxibelelwano ehlohla abafundi bakwaGrade 4 kwisikolo iNokwazi ngelo xesha, emana ebanethuba lokudanisa nabafundi bakhe, logama besephakathi kwizifundo zezibalo, oko kumenze waba yindumasi kwaye waqatshelwa umsebenzi wakhe nangabasemagunyeni.

“Kuluvuyo ukuqatshelwa kwam luluntu. Kodwa ndibuhlungu kuba sele zimbalwa iintsuku ndikunye nabafundi bam. Andifuni kuxoka ndiza kubakhumbula. Xa bendibaxelela ezi ndaba zokuba iyaphela le nkqubo yeeEA’s apha kuMatshi, kwaye andizukubuya xa kuvulwa izikolo baye balila, oko ke kuye kwandichukumisa kakhulu ukubona ukuba nabo bebendithanda kwaye sele bethanda neMaths le,” utshilo uBhesi.

UBhesi yinzalelwane yaseLady Frere kwilali yaseMachobeni. Uqale kwinyanga kaNovemba kunyaka ophelileyo ukubangumncedisi eNokwazi J.S.S.

Ungutitshala wabantwana basecaweni (Sunday School) kwinkonzo yakhe iThe Apostolic Faith Mission, ukanti ke ukwalilo nevolontiya kwisikhululo sasekuhlaleni iLukhanji FM ekuKomani, apho athi imixholo yakhe ingokukhulisa kwanokuphuhlisa abantu abatsha ingakumbi abo basafikisayo.

Uthi unothando lwabantwana nangona nje engekabinalo usapho ngokusemthethweni. Uthi nothando lwezifundo zezibalo lwaqala kanye ekule minyaka bakuyo aba bantwana abahlohlayo. Uthi kungenxa katitshala wabo umfundisi uMH Buti owayebahlohla eNokwazi, owayetakataka naye xa ebahlohla, nto leyo yabenza bayithande iMaths kwaye bayilandele.

“UMnu. Buti wayeyiphila iMaths, lo nto wayityala nakuthi ngaphakathi kuba sasiyipasa kwaye sinomdla kuyo kuba iMaths yaziwa njengeyoyikekayo nengapaswayo.

Akukho namnye ePrimary owayitshonayo iMaths kuba sasiyazi, siyilandela. Kutitshala ndafunda nto kuye. Kungoko kudliwanondlebe kwesi sikolo ndaye ndakhetha iMaths xa ndandibuzwa ukuba ndingarhalela ukuncedisa kwesiphi isifundo,’’ utshilo uBhesi.

Uthi abantwana bade bamkhumbuze nomsebenzi wasekhaya xa elibele ukubanika.

Umyalezo kaBhesi kubantu abatsha uthi liphile kwaye ulikhangele iphupho lakho.

Uvale ngelithi uyayibulela le nkqubo karhulumente kuba bathe benza umohluko kwiimpilo zabantwana.