Uvavanyo:

Zikhona iimoto esiye sizifumane siziqhube nje ukuze siyazi ukuba ziphethe ntoni, ziza nantoni emarikeni. Kodwa kwimoto yale veki siye sade sayiphaphela kakhulu kunesiqhelo, futhi ayidanisanga.

Kudala sarhalela ukuvavanya i-MINI, nokuba yeyiphi na.

Siye sanethamsanqa lokugcina i-MINI Cooper Clubman Steptronic iveki yonke, lena intsha ibisanda ukufika kwezi veki zingephi zigqithileyo.

Sayenzani ke ngoku? Saqhwitha indlela sasuka eNtshona-Koloni eKapa sayobetha umjikelo eMpuma-Koloni eMthatha, umgama uwonke ongange-2850km ngeemini ezintathu kwimpela-veki.

Injini yayo entsha ye-1499cc (1.5 litre) embiza-ntathu (3-cylinder), enamandla angange-100kW/205Nm atsalisa amavili angaphambili nge-6-speed Steptronic gearbox (ikhona eye-manual 6-speed nayo), yenze umsebenzi olula ukuthutha abantu abane abebehamba ngayo kulo mkhenketho nemithwalo yabo.

Kaloku le njini ineziphefumlisi (turbo) ezimbini. Enye isebenza kwizantya zenjini eziphantsi (low revs), ze enye ikhabe xa injini ijikeleza ngesantya esiphezulu (higher revs).

Oku kunika iClubman ivakale ngathi ayiphelelwa Mandla, futhi uzibona sewugqitha kwisantya somthetho lula kwaye ngokukhawuleza.

Akhange siyikokose njengeqanda ke apha endleleni lhe Clubman, kodwa asibonanga urhabulo-thontsi lugqitha ku-9.2lt/100km.

Siyaqonda ukuba xa iqhutywa ngobunene ingaphunga ithontsi kangange-6.8-7lt/100km.

Abakwa-MINI ke bona bathembisa i-5.4lt/100km, urhabulo esingenokwazi ukufikelela kulo enyanini noba sesiqhuba njengexhegwazana.

Olwacango luncinci kwiClubman endala obeluse kunene emva kocango lo mqhubi, lumkile. Ngoku kufakwe amacango apheleleyo aqhelekileyo ukuze abo bakhwela ngemva bangene lula.

Oku ke kunyanzelekise ukuba “ireke” i-wheelbase yeClubman kunaleyo yakudala.

Iwheelbase ende ke ithetha ukuba imoto iye ivakale mtofo endleleni. Ngomlingo kodwa kwa-MINI bayenze ingalahli okwakubambelela kwayo kubabaziweyo ngeeMINI Cooper.

Ngoku ufumana ubumnandi bokuqhuba i-MINI futhi nobuntofo obufunekayo xa uthutha usapho. Kaloku iClubman yeyabo bathanda i-MINI kodwa badinga isithuba kuba bengasazulazuli bodwa.

Sisathetha ngesithuba, ngaphakathi inkulu ngokwaneleyo i-Clubman. Abakwizitulo zangemva bahlala ngaphandle kwesikhalazo.

Kulwakhiwo, kaloku i-MINI yakhiwa kwa-BWM. Ngoko ke ulwakhiwo lwayo luqotho, kodwa obabubhanya-bhanya be-MINI busekhona.

Lena besiyivavanya ibifakelwe i-”Ice Package”, ethetha ukuba iza ine-SatNav, isandi sakwa-Harmon-Kardon, ukunxumelana nonomathotholo nge-BlueTooth, ukhanyiso olukhethekileyo apha ngaphakathi, amaduma amabini ephahleni (panoramic bi-sunroof) nesingqiyamiso-ngalo apha phakathi kwezitulo zangaphambili.

Ezazibane zibhanya-bhanya kwi-dashboard ziyadunyelisa (kanga ngokuba ziyaphazamisa xa uqhuba ebusuku), kodwa uyakwazi ukuzicima.

Ngemva kukho amacango amabini endaweni yocango olunye ebhuthini. Ewe, ukuba uyabala uzofumana amacango amathandathu kwi-MINI Cooper Clubman entsha. Uyakwazi ukuwavula ngokucofa kwisitshixo esandleni, wona azivulele.

Kodwa kulena besinayo kuyanyanzeleka uwavale ngokwakho. Iyakwazi ukucela amacango azivalelayo ngombane ukuba awukhathali ukuwabhatalela.

Silivuyele mpela kunesiqhelo ixesha lethu esilichithe nale-MINI Cooper Clubman. Ukuba urhalela amandla agqwesileyo, ikhona i-MINI Cooper Clubman S ena-141kW/280Nm. Singakhetha yona ke thina, eyemanual futhi.

Sithanda: Iyayihlonipha impokotho yakho ngethontsi ukuba nawe awumcinezeli ngobundlobongela umcephe, iyabukeka wonke umntu ujijeka intamo ukukujonga, ulwakhiwo luhlobo lwakwa-BMW, isithuba silulingene usapho, lamacango mabini angemva ayasichaza, iyayiqhwitha indlela kwaye imtofo kunakuqala.

Asithandi: Umoya uyangxola ngaphakathi xa ugqitha ku-110km/* ngenxa yefestile yangaphambili eme nqo.

Amaxabiso:

MINI Cooper Clubman R353 000

MINI Cooper Clubman Steptronic – R371 000

MINI Cooper S Clubman – R427 000

MINI Cooper S Clubman Steptronic – R447 000

Silandele ku-Twitter nhaku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.