Uzuza ngokunikela xa utshatile

Xa uyindoda utshatile uzuza ngokunikela kwakho. U-Adam wamenzelwa umfazi ngethambo lakhe.

Zange ifunyanwe into efanelekileyo yokumenzela ingeyiyo efumaneka kuye, nalapho kuye kwakufuneka eyona yomeleleyo yokumenza ingeyiyo efumaneka kuye, nalapho kuye kwakufuneka eyona yomeleleyo, ithambo. Ayekhona amathambo eengonyama, amahashe nemiboko yeendlovu kodwa zabonakala zingenako ukwenza umlingani ofanelekile.

Kuyo indoda kwaphuma okwayo. Xa uyindoda nikela ngethambo ukuze uzuze okulikholo kuwe. Ewe, ithambo. Ithambo yinto yokukuxhasa, yokukomeleza yokukusekela nokuqinisa.

Emtshatweni indoda yiyo ekumele inikele ngezinto eziyinene, ezinyulu, ezithandwayo yiyo, ezintle, nezinqwenelekayo. Xa usenza njalo uyindoda uzenzela wena, loonto ithi obo buhle ubenzileyo buzobuyela kuwe sele buphindaphindene. Kwabase Efese 5 ivesi 28(b) “Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda” lubonakala apho ke uthando lwendoda emfazini wayo, indlela owenza ngayo kumkakho iveza indlela ozithanda ngayo.

Njengoko uzithanda ngokungenamlinganiselo yenjenjalo nakulowo umanywe naye. Musa ukumthand “Kuba…” mthande, “noba…” uthando lwenyaniso alutshintshi namaxesha kwaye alutshintshwa ngamaxesha. Iimeko ezingqonge umtshato wenu mazingawitshintshi, mawube nako ukudlula ezimekweni nisabumbene, kwaye kusemnandi ngandlelazonke. Khupha eyonanto ilibhongo leligugu lakho unikele kumkhakho, wona nomfazi okonelisayo nokuvuyisayo. Wokholiswa nguye unamathele kuye usiva ubumnandi, ngoko ke nikela ndoda.

Umfazi uza emtshatweni ukuza abambele uwabo ileli, kungoko ibhayibhile isithi umfazi ngumncedi. Umfazi unamandla okuyinyusa indoda kwizinga ebikulo okanye iyihlise iwe bhaxa.

Amandla omfazi angakha onkanye atshabalalise. Zazi kakuhle inxaxheba yakho ukuba ebuthathakeni balendoda uze kuxhasa nokuvala izikhewu. Wayenza impazamo enkulu emama uAdam wabambela indoda yakhe ileli yokhwela.

Wafika indoda yakhe inobudlelwane obuhle noThixo wakhe, uThixo wayemndwendwela uAdam kube mnandi emyezweni.

Lo mama wathi ekubeni exoxe nenyoka wenza wenza isigqibo nayo, wakifa sele emxelela umyeni wakhe ukuba, “Yitya sendityile” ngokungathi uthi, “yihla sendihlile”. Unawo Amandla okumxhasa angawi umyeni wakho nokuba sele efikelwe nomama uYobhi owathi kwakufika intlungu emtshatweni, wathi makathuke uThixo afe, asuke kwi ndawo ebemi kuyo noThixo, kodwa akazange avume utata uYobhi ukungena kwileli yomkakhe. Nomama uSarafina wamhlisela ekufeni umyeni wakhe naye wafa naye.

Bamba ileli mama, akhuphuke umyeni wakho, wena ungumcedi. Wakuyibamba kusinda utata nendlu yakho yonke njengoko wenzayo umama uAbigeli ukusindisa umyeni wakhe nosapho kumsindo kaDavide wokubabulala. Ayafumaneka Amandla akubamba ileli ku Somandla. Yiba ngumfazi ozibikayo kuThixo, musa ukuXoxa notshaba, inyoka, kuba iyakukunika iimpendulo ezikhawulezileyo zikusa kwintshabalalo.

Nantsi eyakho iLeli:

1. Limele icebo lika Thixo emtshatweni wakho.

2. Ebunzimeni bakho bonke, bika ku Somandla.

3. Londoloza ulwimi lwakho, ngalo siyakha kwaye sichithe.

4. Izinto zonke zenze uthobekile.

Ngokwenzanjalo uyakuzuza amandla akubamba ungayeki. Masiqhubekeni emtshatweni.

Fumana uMaqelana qho ngoLwesibini kweliphepha-ndaba nakwi-Alfred Nzo Community Radio ngeCawa (6-9pm).