‘Wandilala kuba ndifuna ingqesho’

“EMVA kwexesha ndingavumi ukulala naye, ndagqiba kwelokuba ndivume le nto ayifunayo yokulala nam kuba wona umsebenzi ndandiwufuna.”

Eli libango lentwazana yaseGcuwa eneminyaka engamashumi amathathu ethi yalala nomanejala wengingqi yempuma yaseMpuma Koloni kwivenkile yakwaShoprite, kuba ifuna isithuba sengqesho.

Le ntwazana iqale ngokusebenza ngesingxungxo kwaShoprite eGcuwa phaya ngo2012 ze ngo2015, xa kuvulwa uCheckers ongubhululu kaShoprite kudederhu lweevenkile eBT Ngebs eMthatha, kwavuleka izithuba zesigxina.

“Igama lam lalikuluhlu lwabo baza kuyokusebenza isigxina eBT Ngebs, kodwa lo manejala wengingqi wandixelela ukuba soze ndisifumane eso sithuba phambi kokuba ndilale naye.

“Igama lam labuyiselwa xa ndixelela lo manejala ukuba ndiyayazi ukuba kutheni ndingazuqashwa, ndabe ndimxelela ukuba ndinabo ubungqina bokuba undincwasile. Emva kokuba nditshilo wathi uzakuyilungisa lo nto, ngenene ndaqashwa eMthatha,” itsho le ntwazana.

Le ntwazana ithi into eyayibangela ingamvumi kukuba lo manejala wayethandana netshomi yakhe ekwalapha emsebenzini, noxa nje engazange ayixelele itshomi le ukuba uncwaswe ngulo manejala.

“Ndithe ndisasebenza njalo eBT Ngebs ndeva kusithiwa kuqhekeziwe ekhaya kuba umama wam wayengekho eseKapa, ndabona ukuba mandiphindele eGcuwa. Ndaxelela umanejala wethu, owayethetha nalo manejala wengingqi, kodwa akavuma ukuba ndiphindele eGcuwa.

“Lo manejala wengingqi weza eMthatha wathi kum xa ndinokuvuma ukulala naye angandithumela ukuba ndiyokusebenza eGcuwa. Ndabona ukuba mandivume, ndade ndabe ndiyalala naye. Ngoba busuku sasilele ngabo, wavuka wawa emnxebeni endilungiselela indawo yokuphangela eGcuwa,” kutsho le ntwazana.

Ithi ngeli thuba isebenza eGcuwa ithe yakhulelwa, ikhuleliswa liqabane layo, hayi lo manejala.

“Wathi wakundibona ukuba ndikhulelwe, wandibuza ukuba ndikhuleliswe ngubani na. Xa ndimxelela ukuba liqabane lam, wathi ndisikelelekile, ndibona utsho ngesigezo. Ndiqale apho ke ukuchukelwa emsebenzini, kwaqalwa kwathiwa mandohlukane nokusoloko ndiyokuchama.

“Kwathiwa mandisebenzise ikhadi lokuklokha qho xa ndiyokuchama, ndabona ukuba mandiyoyixela kwaCCMA lo nto, kodwa emva kokuba ndibone idontsa into ende ndaphinda ndabona ukuba mandiyiyeke,” itsho le ntwazana.

Uthi emva koko wabona ebekwa ityala lokungaklokhi xa esiya kwisidlo sasemini.

“Eli tyala ndalibekwa ngenyanga yeKhala kunyaka ophelileyo, ndikwinyanga yesithoba ndikhulelwe ngelo xesha babe bengavumi ukuba ndiye kwikhefu lokukhulelwa.

Emva kwale yokuklokha kwathiwa ndithethe kakubi nomthengi, iyelenqe nje endandilakhelwa – emva koko ndaphinda ndabekwa ityala.”

Uthi kwakunzima esebenza ekhulelwe, ekufuphi nexesha lokubeleka, kodwa abaphathi beqhubeka nokumphatha gadalala.

“Ndayokukhululwa ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yeKhala emva kokuba kusithiwa ndinetyala. Ndabhena ndisithi andinatyala mna. Kwakufanele ukuba ndibeleke ngomhla wesithandathu kweyeThupha, kodwa ngomhla wokuqala kwakuyomanyelwa ityala lam.

“Ndabaxelela ukuba mna ndiyoyisakala ngenxa yokukhulelwa ndagoduka. Ngomhla wesibini kweyeThupha ndafowunelwa kanti baza kuthi bayandigxotha. Ndavele ndaxheleka emphefumlweni kangangokuba ndavele ndabeleka ngosuku olulandelayo, umhla wesithathu kweyeThupha,” itshilo le ntwazana iluzizi.

“Ngomhla weshumi elinesithoba kweyeThupha ndayokuvula ityala kwaCCMA, apho abakwaCCMA bagweba ngakwicala lam, besithi akufanelanga ukuba ndiyagxothwa. Endaweni yokundibuyisela uShoprite wavele wandinika iR7 000 emva koko wayokubhena kwinkundla yezabasebenzi.

“Endikufunayo mna bubulungisa kwimeko yam yokuphatheka kakubi ngenxa yabaphathi bakwaShoprite.”

Le ntwazana ithi iphila nomvandedwa ngenxa yendlela eyaphatheka ngayo emsebenzini.

Ephendula koku, igosa eliphanda ngemiba egwenxa ngokumayelana noShoprite elaziwa kuphela njengoCobra, lixelele I’solezwe ukuba linolwazi ngalo mba.

“Le ntwazana yayithandana nalo manejala kumnandi ngoku iza kuthi xa izinto zingahambi kakuhle. Xa usemathandweni nomnye umntu ze izinto zingakuhambeli kakuhle sukufaka nabanye abantu, ndayixelela ngolu hlobo le ntwazana.

“Kodwa ndiyazama ukuyinceda kule meko ikuyo,” utshilo uCobra.