Yingxaki izixholoxholo zoonoteksi eMthatha!

Lume ngonyawo udushe loonoteksi eMthatha Umfanekiso: Siyabulela Kanise

Kutshiswa amavili amadala eemoto kwizitalato zedolophu kwirenki endala yaseMthatha ngoonotekisi, naku- N2 osuka kwicala laseThekwini ongena kwidolophu yaseMthatha.

Kuvakala ukuba oku kulandela emva kokuba bathe aba notekisi babamba intlanganiso yokuza nesisombululo  emva kokuba bathe basuswa kwiirenki abasebenzela kuzo ngumphathiswa wamapolisa kazwelonke uBheki Cele ngezidubedube zabo.

Iivenkile ezikufutshane kwezi renki kuye kwanyanzeleka ukuba zivalwe kwasekuseni. 

Isithethi samapolisa ephondo uKapteni Khaya Thonjeni uthi kuyabonakala ukuba bapheka imbiza engavuthwayo. “Bonke abayinxalenye yokuzisa ucwangco besebenzisana namapolisa bayijonge ngelihlo elibanzi yonke into eyakuthi ibe ngumqobo ukuza nocwangco kule dolophu.” 

Uqhube esithi lothi litshona eli lanamhlanje uLwesihlanu ibe ingabo abatshotshentla, besebenzisana namapolisa aseKSD Law Enforcement. 

“Kungakhona ulibaziseko kubantu abadlula kule dolophu, sicela ukuba basebenzise ndlela zimbi,” utshilo. 

“Sifuna uxolo, uzinzo nocwangco naphi na kule dolophu. Asinasiqinisekiso sokuba ngoobani abaphembeleli bolu dushe, ukuba ngoonotekisi okanye asingabo kwisinina,” utshilo.