Zifuna ntoni iiKumkani kuXasa?

IiKumkani zephondo leMpuma Koloni zimemelela ukubuyiswa kwesidima sazo liSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli ngokuthi inatyiswe indlela ezenza ngayo igalelo kwimicimbi yemveli.

Oku kuvele kwindibano etsale imini yonke phakathi komphathiswa uFikile Xasa neeKumkani eziquka uDalimvula Mathanzima wabaThembu baseRhode, Ndamase Ndamase wamaMpondo aseNyandeni, Nkosana uBurns Ncamashe omele ubuKumkani bakwaRharhabe noNkosi Sabatha Mbolekwa omele ubuKumkani bakwaSigcau eQawukeni.

Ecacisa ngokusondela kwakhe kwezi Kumkani, uXasa uthi kusemthethweni ukuba bathethe neKumkani bengurhulumente.

“Sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba izigqibo esizithathayo ezichaphazela iiKumkani zinefuthe leKumkani ngokuthi sive ukuba zithini izimvo zabo, silungiselela intetho yesebe eli lethu ngoko sifuna ukwazi ukuba banqwenela ntoni,” ucacise watsho uXasa.

Oku kuhambelana notyelelo lukamongameli welizwe loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa nothe kutshanje watyelela amakomkhulu wezi Kumkani. UKumkani uNdamase Ndamase ucacise ngabakufunayo kobubudlelane.

“Sinezinto ezininzi ezingacacanga, eziquka iindlela zokoluleka iiNkosi zethu xa zihamba gwenxa, kufuneka sivumelane norhulumente ngezo zinto, singathathi ezethu izigqibo engenalwazi urhulumente,” ucacise watsho uNdamase.

UKumkani uDalimvula Mathanzima wabaThembu baseRhode, uthi isebe maliqinise iinzame zokuphucula amakomkhulu weMpuma Koloni.

“Amakomkhulu wethu akumgangatho ophantsi kakhulu, sifuna ukuba acacise kwintetho yakhe kulo nyaka ukuba unasicwangciso sithini ngokukhuliswa, ukuphuhliswa nokuphuculwa kwamakomkhulu,” utshilo uMathanzima.

Lo kaMathanzima uthi amakomkhulu wezinye iiKumkani ayancediswa ngoorhulumente bamaphondo emi kuwo. Ingxelo ithi oku kuhambelana nesicwangciso sombutho weANC kuzwelonke sokuba zinikwe isidima iiKumkani zoMzantsi Afrika.

Osisithethi seKumkanikazi yesizwe samaRharhabe uNoloyiso Sandile, uNkosana uBurns Ncamashe uthi oku kuza kwenza ukuba kubelula ukuxhasana phakathi kwezi nkokheli.

“Ngaphandle kweeKumkani ela sebe alinto, neeKumkani ngokunjalo azinakuphumelela kumsebenzi wazo ngaphandle korhulumente, eli qonga liza kunika amacala omabini ithuba lokusebenzisana kakuhle,” utshilo uNcamashe.

Lo kaNcamashe uncome etyibela umongameli uCyril Ramaphosa ngeli nyathelo.

“Sinethemba elikhulu kulawulo olutsha lelizwe lethu, izinto ziza kakuhle,” utshilo uNcamashe.

Kungekudala, uXasa uzakube esothula intetho yesebe lakhe nekulindeleke ukuba ithathele ingqwalasela izimvo zeeKumkani nanjengoko zithe zamxhobisa ngamakakwenze.