Zivise kamnandi ngezibiliboco kwintente yeBerlin November

KWI-BERLIN November kukho iindidi ngeendidi zeentente ezingaphaya kwamashumi amabini. Kodwa kukho intente eyodwa nekhethekileyo ebizwa iG-Lounge.

Wena mntu uza kube wonwabile kwiBerlin November ngomhla we30 kweyeNkanga/Novemba 2019, qiniseka ukuba kwintente iG-Lounge kulapho ukhoyo.

Apha kulapho kudibana khona oosomashishini, oosaziwayo noluntu jikelele ngeencoko ezohlukeneyo.

Kule ntente kufumaneka izibiliboco ezifana nokutya, iindidi ngeendidi zotywala, ukunyathela kwired carpet, ukubukela iqonga lamahashe egabadula kufutshane, umculo wemini yonke, isidlo sasemini nesangokuhlwa, ukuphephezelelwa sisipholisilanga (air-conditioner) kwingqatsini yelanga imini yonke, iindawo zokutshaja iifowuni, inkonzo yamagumbi angasese akwizinga leVVIP, isisele sotywala esingapheliyo, ipaki kanokutsho yeemoto nokuninzi.

Konke oku kuxabisa iR3000 yetikiti. Abasunguli beG-Lounge, uTukela Mthembu noSiya Gama abazinzalelwane zaseNtlaza eSajonisi, bathi eli tikiti lithwele zonke izinto ezimnandi.

Esi sibini sithi eli lithuba lokugudlana amagxa noosaziwayo abaphuma kwiinkalo ngeenkalo.

“Wonke umntu ofuna ithuba elinje lobomi bakhe kufanele ukuba sele ezifumanele itikiti elixabisa iR3000 ngokuba lifunqule konke okudingayo,” kutsho uMthembu noGama kwincoko neli phephandaba.

Bathi le ntente iza kuthwala umthamo wabantu abamalunga namakhulu amathathu (300).

Oosomashishini, iingqonyela zeenkampani namagama amakhulu aza kube ehlangene kule tente njengakwiminyaka egqithileyo.

“Ngumxube wabantu bonke abaza kufuna ukudibana nezitatanyiswa ezikule ntente. Wonke umntu uza kuzifuna phaya,” kutsho uMtembu noGama.

Le ntente ivula kwakusasa ngentsimbi yeshumi de kube sebusuku.

Amagama weemvumi eziza kube zisonwabisa kule ntente aza kudizwa kungekudala kwakweli phephandaba.

Amatikiti afumaneka eWebticket nasePick’ * Pay kuphela.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe, tyelela kwiwebsite yeBerlin November ethi, www.berlinnovember.co.za.

simphiwe.freddie@inl.co.za